-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Hechos 1:11|
awatshoyo ukuthi, Madoda, maGalili, nimeleni na nondele ezulwini? Kwayena lo Yesu unyusiweyo kuni, wasiwa emazulwini, uya kuza ngolu hlobo nimbone esiya ngalo emazulwini.
-
12
|Hechos 1:12|
Baza babuyela eYerusalem, bevela entabeni ekuthiwa yeyemiNquma, ekufuphi kwiYerusalem, uhambo lwesabatha.
-
13
|Hechos 1:13|
Bathe ke bakungena, banyukela egumbini eliphezulu ababehlala kulo, inguPetros, noYakobi, noYohane, noAndreya, uFilipu, noTomas, uBhartolomeyu, noMateyu, noYakobi ka-Alifeyu, noSimon umZeloti, noYuda umzalwana kaYakobi.
-
14
|Hechos 1:14|
Aba bonke babezingisa ngamxhelo mnye ekuthandazeni nasekukhungeni, ndawonye nabafazi, noMariya unina kaYesu, kwandawonye naba zalwana bakhe.
-
15
|Hechos 1:15|
Ngaloo mihla wesuka wema uPetros phakathi kwabo abazalwana (laye inani lamagama ndawonye lingathi lilikhulu elinamanci amabini), wathi,
-
16
|Hechos 1:16|
Madoda, bazalwana, esi sibhalo simelwe kukuba sizaliseke, sathethwayo ngaphambili nguMoya oyiNgcwele ngomlomo kaDavide ngaye uYuda, owaba ngumkhokeli kwabo bambambayo uYesu;
-
17
|Hechos 1:17|
ngokuba wayebalelwe kuthi, wasizuza isabelo solu lungiselelo.
-
18
|Hechos 1:18|
Lowo ke ngoko wazuza umhlaba ngomvuzo wokungalungisi; wathi ekhahleleke phantsi ngobuso, wagqabhuka phakathi, zaphalala zonke izibilini zakhe.
-
19
|Hechos 1:19|
Kwazeka oko kubo bonke abemiyo eYerusalem, wada loo mhlaba ngeyabo intetho kwathiwa yiAkeldama, oko kukuthi, ngumhlaba wegazi.
-
20
|Hechos 1:20|
Kuba kubhaliwe encwadini yeeNdumiso kwathiwa, Umzi wakhe mawube yintlango, Kungabikho umiyo kuwo; Buthi nobuveleli bakhe buthatyathwe ngomnye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7