-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Hechos 20:31|
Kungoko ndithi, Phaphani, nikhumbula ukuba iminyaka emithathu, ubusuku nemini, andiyekanga ukululeka bonke ngabanye, ndineenyembezi.
-
32
|Hechos 20:32|
Kungoku, bazalwana, ndiyaniyaleza kuThixo nakwilizwi lobabalo lwakhe, onako ukunakha, aninike ilifa phakathi kwabo bonke abangcwalisiweyo.
-
33
|Hechos 20:33|
Andinqwenelanga silivere nagolide nangubo kabani.
-
34
|Hechos 20:34|
Nina ke ngokwenu niyazi ukuba ezi zandla zazisebenzela iintswelo zam, nezababenam.
-
35
|Hechos 20:35|
Ndanibonisa zonke izinto, ukuba ngokwenjenjalo ukubulaleka nimelwe kukuthi niyisize imilwelwe, nikhumbule namazwi eNkosi uYesu; ngokuba yena wathi, Ukupha kunoyolo ngaphezu kokuphiwa.
-
36
|Hechos 20:36|
Akutsho, waguqa ngamadolo, wathandaza nabo bonke.
-
37
|Hechos 20:37|
Basitsho ke isililo esikhulu bonke, bawa phezu kwentamo kaPawulos, bamanga kakhulu,
-
38
|Hechos 20:38|
bebuhlungu kakhulu, ngokukodwa lilizwi alithethileyo lokuthi, abasayi kubuya babubone ubuso bakhe. Bamphelekelela ke, baya emkhombeni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3