-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Hechos 21:11|
Wathi akufika kuthi, wathabatha umbhinqo kaPawulos, wazibopha izandla neenyawo, wathi, Utsho ke uMoya oyiNgcwele ukuthi, Indoda ongowayo lo mbhinqo, aya kwenjenje amaYuda ukuyibopha eYerusalem, ayinikele ezandleni zeentlanga.
-
12
|Hechos 21:12|
Ke kaloku, sakukuva oku, sambongoza thina, kwanabakuloo ndawo, ukuba angenyuki aye eYerusalem.
-
13
|Hechos 21:13|
Waphendula ke uPawulos, wathi, Nenzani na ukulila niyityumze intliziyo yam? kuba mna ndingalungele kubotshwa kodwa; ndilungele nokufa eYerusalem, ngenxa yegama leNkosi uYesu.
-
14
|Hechos 21:14|
Akuba ke engoyiseki, sathi cwaka, sisithi, Makwenzeke ukuthanda kweNkosi.
-
15
|Hechos 21:15|
Ke kaloku emva kwezo ntsuku, sabopha impahla, senyuka saya eYerusalem.
-
16
|Hechos 21:16|
Kwahamba ke nathi abathile nakubafundi abavela eKesareya, besisa thina kuMnaso waseSipro, obengumfundi kwakudala, esaba lundwendwe lwakhe.
-
17
|Hechos 21:17|
Ke kaloku, sakufika eYerusalem, basamkela ngovuyo abazalwana.
-
18
|Hechos 21:18|
Ngengomso ke, uPawulos wangena kunye nathi kuYakobi; ayekho namadoda amakhulu onke.
-
19
|Hechos 21:19|
Ubabulisile, wamana ebacacisela zonke ngazinye izinto awazenzayo uThixo phakathi kweentlanga, ngalo ulungiselelo lwakhe.
-
20
|Hechos 21:20|
Bathe ke bona bakukuva oko, bayizukisa iNkosi, batsho nokuthi kuye, Uyabona, mzalwana, oko angako amawakawaka amaYuda akholiweyo; abe ke onke ewuzondelele umthetho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7