-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Hechos 24:21|
ingelilo elo lizwi linye, ndadandulukayo ngalo ndimi phakathi kwabo, lokuthi, Kungalo uvuko lwabafileyo endimangalelwayo mna nini namhla.
-
22
|Hechos 24:22|
Ke kaloku, akuziva ezi zinto uFelikis, uthe, ezazi ngokhona kucokisekileyo iindawo zale Ndlela, wabalibazisa, wathi, Xa athe wehla uLisiya umthetheli-waka, ndoziqiqa kakuhle iindawo zenu.
-
23
|Hechos 24:23|
Kanjalo wammisela umthetheli-khulu, ukuba agcinwe uPawulos, abe nokuyekelelwa, kungalelwa nabani wakowabo ukumnceda, nokuba eze kuye.
-
24
|Hechos 24:24|
Ke kaloku, emva kwemihla ethile, wafika uFelikis enoDrusila umkakhe, umYudakazi, wathumela wambiza uPawulos, wamva ethetha ngako ukukholwa kuKristu.
-
25
|Hechos 24:25|
AkubonÂ’ ukuba ke uthetha ngobulungisa, nokuzeyisa, nangogwebo oluza kubakho, wangenwa kukoyika uFelikis, waphendula wathi, Hamba okwakalokunje: ke ndakuzuza ithuba, ndokubiza uze.
-
26
|Hechos 24:26|
Kunye ke noko, wayethembe ukuba wonikwa imali nguPawulos, ukuze amkhulule; ngako oko kwaba kukhona ambiza futhi, ukuba eze axoxe naye.
-
27
|Hechos 24:27|
Ke kaloku, kwakubonÂ’ ukuba kudlule iminyaka emibini, uFelikis wakhululana noPorkiyo Festo; kanjalo wathi uFelikis, efuna ukuzithandisa kumaYuda, wamshiya uPawulos ekhonkxiwe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3