-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Hechos 27:31|
wathi uPawulos kumthetheli-khulu nakumasoldati, Ukuba aba abathanga bahlale emkhombeni, aninakusindiswa nina.
-
32
|Hechos 27:32|
Andula amasoldati azinqamla iintsontelo zomkhonjana, awuyeka wawa, wemka.
-
33
|Hechos 27:33|
Ke kaloku kwada kwaza kusa, uPawulos ebabongoza bonke ukuba badle ukudla, esithi, Namhla ngumhla weshumi elinesine nilinda, nimana nizila ukudla, ningafaki nto emlonyeni;
-
34
|Hechos 27:34|
ke ngoko ndiyanibongoza ukuba nidle ukudla; kuba oko kuyelelene nokusindiswa kwenu; kuba akuyi kuwa nalunwele lwentloko kabani kuni.
-
35
|Hechos 27:35|
Ke kaloku, akuba etshilo, wathabatha isonka, wabulela kuThixo emehlweni abo bonke; waqhekeza, waqala wadla.
-
36
|Hechos 27:36|
Bonke ke baba nomxhelo owonwabileyo, bathabatha ukudla nabo.
-
37
|Hechos 27:37|
Saye ke emkhombeni apho sonke siyimiphefumlo emakhulu mabini anamanci asixhenxe anamithandathu.
-
38
|Hechos 27:38|
Bathe ke, bakuhlutha, bawenza khaphukhaphu umkhombe, beyiphosa elwandle ingqolowa.
-
39
|Hechos 27:39|
Kwakusa ke, abawazanga loo mhlaba; ke babona ichwetyana elithile linonxweme, babhunga ukuwutyhalela kulo umkhombe, ukuba bangaba nako.
-
40
|Hechos 27:40|
Baza, bezinqumla zonke iiankile, baziyekela elwandle, bezikhulule kunye nezibophelelo zemithi yokujika; bayitwabulula iseyilana ngasemoyeni, babhekisa elunxwemeni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7