-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Hechos 8:11|
Baye ke bemphulaphula, ngenxa yokuba ixesha elide wabetha bee nqa ngobunyangi bakhe.
-
12
|Hechos 8:12|
Xenikweni ke bakholwayo nguFilipu, eshumayela iindaba ezilungileyo zezinto zobukumkani bukaThixo, nezegama likaYesu Kristu, babhaptizwa amadoda kwanabafazi.
-
13
|Hechos 8:13|
Wakholwa ke kwanaye uSimon; wathi akubhaptizwa, wazingisa ukuhlala noFilipu, ebona imiqondiso kwanemisebenzi emikhulu yamandla isenzeka, wathi nqa.
-
14
|Hechos 8:14|
Ke kaloku, bakuva abapostile aba beseYerusalem, ukuba abaseSamariya balamkele ilizwi likaThixo, bathuma uPetros noYohane kubo;
-
15
|Hechos 8:15|
abathi bona bakuhla, babathandazela, ukuba bamkele uMoya oyiNgcwele;
-
16
|Hechos 8:16|
kuba ebengekaweli namnye kubo; babebhaptizelwe nje kodwa egameni leNkosi uYesu.
-
17
|Hechos 8:17|
Bandula ukubeka izandla phezu kwabo, bamamkela ke uMoya oyiNgcwele.
-
18
|Hechos 8:18|
Ke kaloku uSimon, akubona ukuba ngokubekwa kwezandla zabapostile uyanikwa uMoya oyiNgcwele, wezisa kubo imali,
-
19
|Hechos 8:19|
esithi, Ndinikeni nam eli gunya, ukuze lowo, ndithe ndazibeka izandla phezu kwakhe, amkele uMoya oyiNgcwele.
-
20
|Hechos 8:20|
Uthe ke uPetros kuye, Isilivere yakho mayiye kutshabalala nawe; ngokuba ububa isipho sikaThixo singazuzwa ngemali.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7