-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
48
|Hechos 7:48|
Noko Osenyangweni yena akemi zitempileni zenziwe ngazandla; njengokuba esitsho umprofeti ukuthi,
-
49
|Hechos 7:49|
Izulu liyitrone yam, Ke ihlabathi sisihlalo seenyawo zam; Yindlu enjani na eniya kuyakhela mna? itsho iNkosi; Yiyiphi na yona indawo yokuphumla kwam?
-
50
|Hechos 7:50|
Asisisandla sam na, esenza zonke ezo zinto?
-
51
|Hechos 7:51|
Nina bantamo zilukhuni, bangalukileyo ngentliziyo, nangendlebe, nihleli nibambene noMoya oyiNgcwele; njengabo ooyihlo, nani ninjalo.
-
52
|Hechos 7:52|
Kubo abaprofeti nguwuphi na ongatshutshiswanga ngooyihlo? Bababulala ababexela ngenxa engaphambili ukuza koliLungisa; enithe kalokunje naba ngabanikeli nababulali, bakhe.
-
53
|Hechos 7:53|
nina nawamkelayo umthetho, niwumiselwa zizithunywa zezulu, anawugcina.
-
54
|Hechos 7:54|
Ke kaloku, bathi bakuziva ezi zinto, bahlabeka ezintliziyweni zabo, bamtshixizela amazinyo.
-
55
|Hechos 7:55|
Ke yena, ezele nguMoya oyiNgcwele, waqwalasela ezulwini, wabona ubuqaqawuli bukaThixo, noYesu emi ngasekunene kukaThixo.
-
56
|Hechos 7:56|
Wathi, Yabonani, ndiwabona amazulu evulekile, ndimbona uNyana woMntu emi ngasekunene kukaThixo.
-
57
|Hechos 7:57|
Badanduluka ke ngezwi elikhulu, bazivingca iindlebe zabo, besuka indulumbane phezu kwakhe ngamxhelo mnye,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7