-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
32
|Hechos 15:32|
Ke kaloku ooYuda noSilas, kuba bengabaprofeti nabo, babathuthuzela abazalwana ngokuthetha okukhulu, babomeleza.
-
33
|Hechos 15:33|
Bakuba ke benze ixesha, banduluka bexolile kubazalwana, baya kubapostile.
-
34
|Hechos 15:34|
Kodwa kuSilas kwabonakala kulungile ukuba akhe ahlale khona.
-
35
|Hechos 15:35|
Balibala ke ooPawulos noBharnabhas kwa-Antiyokwe, befundisa, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi leNkosi, kwanabanye abaninzi.
-
36
|Hechos 15:36|
Ke kaloku, emva kwemihla ethile, wathi uPawulos kuBharnabhas, Makhe sibuye siye kuvelela abazalwana bethu, kuyo yonke imizi ngemizi esalazisayo kuyo ilizwi leNkosi, sibone ukuba banjani na.
-
37
|Hechos 15:37|
Ke kaloku uBharnabhas wangxamela ukuba bathabathe nabo uYohane, ekuthiwa nguMarko;
-
38
|Hechos 15:38|
kodwa uPawulos wathi akufanelekile ukumthabatha, ahambe nabo, lowo wemkayo kubo kwelasePamfili, akaya nabo emsebenzini.
-
39
|Hechos 15:39|
Kwabakho ngoko amazwi abukhali phakathi kwabo, ngokokude bahlukane; athi uBharnabhas amthabathe uMarko, anduluke ngomkhombe aye eSipro;
-
40
|Hechos 15:40|
kodwa uPawulos wanyula uSilas, wemka, enikelwe kubabalo lukaThixo ngabazalwana.
-
41
|Hechos 15:41|
Walityhutyha ke elaseSiriya nelaseKiliki, ewomeleza amabandla.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10