-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
25
|Hechos 2:25|
Kuba uDavide uthi, esingisele kuye, Ndahlala ndiyibona iNkosi phambi kwamehlo am, Ngokuba ingasekunene kwam, ukuze ndingashukunyiswa.
-
26
|Hechos 2:26|
Ngenxa yoko intliziyo yam yaba nemihlali, lwagcoba ulwimi lwam; Ngaphezu koko ke nenyama yam iya kuphumla inethemba; Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo.
-
27
|Hechos 2:27|
Kananjalo akuyi kumnikela oyiNgcwele wakho ekuboneni ukubola.
-
28
|Hechos 2:28|
Wandazisa iindlela zobomi; Uya kundizalisa ngemihlali ngokubona ubuso bakho.
-
29
|Hechos 2:29|
Madoda, bazalwana, mandivunyelwe ndithethe kuni ngokuphandle ngomawokhulu uDavide, ukuba wafa wangcwatywa; nengcwaba lakhe likho phakathi kwethu unanamhla.
-
30
|Hechos 2:30|
Ngoko, kuba engumprofeti, esazi nokwazi ukuba uThixo wamfungela isifungo sokuba esiqhameni sesinqe sakhe ngokwenyama uya kuvelisa uKristu, ukuba ahlale phezu kwetrone yakhe:
-
31
|Hechos 2:31|
uthe ebona ngenxa engaphambili, wathetha ngako ukuvuka kukaKristu, ukuba umphefumlo wakhe ungashiywanga kwelabafileyo nenyama yakhe ingabonanga kubola.
-
32
|Hechos 2:32|
UThixo wamvusa lo Yesu, esingamangqina ako oko thina sonke.
-
33
|Hechos 2:33|
Ephakanyisiwe ngoko sisandla sokunene sikaThixo, elamkele kanjalo idinga loMoya oyiNgcwele kuYise, uthulule oku nikubonayo, nikuvayo, kalokunje nina.
-
34
|Hechos 2:34|
Kuba uDavide, enganyukanga waya emazulwini, ke uthi ngokwakhe, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7