-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
19
|Génesis 35:19|
Wafa ke uRakeli, wangcwatyelwa endleleni yase-Efrata eyiBhetelehem.
-
20
|Génesis 35:20|
UYakobi wamisa isimiso phezu kwengcwaba lakhe; sisimiso sengcwaba likaRakeli nanamhla.
-
21
|Génesis 35:21|
USirayeli wayincothula intente yakhe, waya wayitwabulula ngaphaya kweMigdoli-edere.
-
22
|Génesis 35:22|
Kwathi, ekuhlaleni kukaSirayeli kwelo zwe, waya uRubhen, wamlala uBhiliha, ishweshwe likayise; weva ke uSirayeli. Oonyana bakaYakobi babelishumi elinababini.
-
23
|Génesis 35:23|
Oonyana bakaLeya nguRubhen, owamazibulo kuYakobi, noSimon, noLevi, noYuda, noIsakare, noZebhulon.
-
24
|Génesis 35:24|
Oonyana bakaRakeli nguYosefu noBhenjamin.
-
25
|Génesis 35:25|
Oonyana bakaBhiliha, umkhonzazana kaRakeli, nguDan noNafetali.
-
26
|Génesis 35:26|
Oonyana bakaZilipa, umkhonzazana kaLeya, nguGadi noAshere. Ngabo abo oonyana bakaYakobi, awabazalelwa ePadan-aram.
-
27
|Génesis 35:27|
UYakobi waya kuIsake uyise kwaMamre, eKiriyati ka-Arbha, eHebron, apho babengabaphambukeli khona uAbraham noIsake.
-
28
|Génesis 35:28|
Imihla kaIsake yaba yiminyaka elikhulu elinamanci asibhozo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10