-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Génesis 1:1|
Ekuqalekeni uThixo wadala amazulu nehlabathi.
-
2
|Génesis 1:2|
Ke ehlabathini kwakusenyanyeni, kuselubala; kwakumnyama phezu kwamanzi enzonzobila. UMoya kaThixo wafukama phezu kwamanzi lawo.
-
3
|Génesis 1:3|
Wathi uThixo, Makubekho ukukhanya. Kwabakho ke ukukhanya.
-
4
|Génesis 1:4|
Wakubona ke uThixo ukukhanya ukuba kulungile, wahlula uThixo phakathi kokukhanya nobumnyama.
-
5
|Génesis 1:5|
Wathi uThixo ukukhanya yimini, wathi ubumnyama bubusuku. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wokuqala.
-
6
|Génesis 1:6|
Wathi uThixo, Makubekho isibhakabhaka phakathi kwawo amanzi, sibe ngumahlulo wokwahlula amanzi kumanzi.
-
7
|Génesis 1:7|
Wasenza uThixo isibhakabhaka, wawahlula amanzi angaphantsi kwesibhakabhaka kuwo amanzi angaphezu kwesibhakabhaka. Kwaba njalo.
-
8
|Génesis 1:8|
Wathi uThixo isibhakabhaka ngamazulu. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesibini.
-
9
|Génesis 1:9|
Wathi uThixo, Amanzi angaphantsi kwamazulu makahlanganiselwe ndaweni-nye, kubonakale okomileyo. Kwaba njalo.
-
10
|Génesis 1:10|
Wathi uThixo okomileyo ngumhlaba, wathi intlanganisela yamanzi ziilwandle. Wabona uThixo ukuba kulungile.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7