-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
15
|Génesis 3:15|
Ndiya kumisa ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe; yona iya kukutyumza intloko, wena uya kuyityumza isithende.
-
16
|Génesis 3:16|
Wathi kumfazi, Ndiya kukwandisa kakhulu ukubulaleka kwakho ekumitheni, uzale abantwana unembulaleko; inkanuko yakho ibe sendodeni yakho, ikulawule yona.
-
17
|Génesis 3:17|
KuAdam wathi, Ngokuba uphulaphule izwi lomkakho, wadla kuwo umthi endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo, uqalekisiwe umhlaba ngenxa yakho; uya kudla kuwo ubulaleka, yonke imihla yobomi bakho.
-
18
|Génesis 3:18|
Uya kukuntshulela imithana enameva neenkunzane, udle umfuno wasendle.
-
19
|Génesis 3:19|
Uya kudla ukudla kokubila kobuso bakho, ude ubuyele emhlabeni kobuso bakho, ude ubuyele emhlabeni, kuba uthatyathwe kuwo; ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.
-
20
|Génesis 3:20|
UAdam walibiza igama lomkakhe ngokuthi nguEva, ngokuba yena engunina wabaphilileyo bonke.
-
21
|Génesis 3:21|
UYehova uThixo wabenzela iingubo zezintsu uAdam nomkakhe, wabambathisa.
-
22
|Génesis 3:22|
Wathi uYehova uThixo, Yabonani, umntu usuke waba njengomnye wethu, ukwazi okulungileyo nokubi; hleze ke olule isandla sakhe, athabathe nakuwo umthi wobomi, adle, aphile ngonaphakade:
-
23
|Génesis 3:23|
uYehova uThixo wamndulula emyezweni we-Eden, ukuba asebenze umhlaba abethatyathwe kuwo.
-
24
|Génesis 3:24|
Wamgxotha ke umntu; wamisa ngasempumalanga kuwo umyezo we-Eden iikerubhi, nelangatye lekrele elijikajikayo lokugcina indlela eya emthini wobomi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5