-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Génesis 4:11|
Ngoko uqalekisiwe emhlabeni, owakhamise umlomo wawo ukuba ulithabathe igazi lomninawa wakho esandleni sakho.
-
12
|Génesis 4:12|
Xenikweni uwusebenzayo umhlaba, awusayi kuphinda ukunike amandla awo; uya kubhadula uphalaphale ehlabathini.
-
13
|Génesis 4:13|
Wathi uKayin kuYehova, ityala lam likhulu ngokungenakuthwalwa.
-
14
|Génesis 4:14|
Yabona, undigxdothile namhla phezu komhlaba; ndiya kusithela nasebusweni bakho, ndibhadule ndiphalaphale ehlabathini bathi bonke abantu abandifumanayo bandibulale.
-
15
|Génesis 4:15|
Wathi uYehova kuye, xa kunjalo, bonke ababulala uKayin kophindezelwa kubo kasixhenxe. UYehova wammisela uKayin umqondiso, ukuze bonke abamfumanayo bangamsiki.
-
16
|Génesis 4:16|
Waphuma uKayin, wemka ebusweni bukaYehova; wahlala ezweni lakwaKuphalaphala phambi kwe-Eden.
-
17
|Génesis 4:17|
UKayin wamazi umkakhe, wamitha, wazala uEnoki. Wakha umzi, wawuthiya loo mzi ngegama lonyana wakhe uEnoki.
-
18
|Génesis 4:18|
UEnoki wazalelwa uIradi; uIradi wazala uMehuyaheli; uMehuyaheli wazala uMetusaheli; uMetusaheli wazala uLameki.
-
19
|Génesis 4:19|
ULameki wazeka abafazi ababini; igama lomnye belinguAda, igama lowesibini belinguZila.
-
20
|Génesis 4:20|
UAda wazala uYabhali yena waba nguyise wabahlala ezintenteni, nabafuyileyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5