-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Génesis 3:5|
kuba esazi uThixo ukuba, mhlana nithe nadla kuzo, oqabuka amehlo enu, nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.
-
6
|Génesis 3:6|
Wabona umfazi ukuba umthi ulungele ukudliwa, nokuba uyakhanukeka emehlweni, ingumthi onqwenelekela ukuqiqisa, wathabatha eziqhameni zawo, wadla; wanika nendoda yakhe inaye, yadla.
-
7
|Génesis 3:7|
Aqabuka amehlo abo bobabini, bazi ukuba bahamba ze; bathunga amagqabi omkhiwane, bazenzela imibhinqo.
-
8
|Génesis 3:8|
Basiva isandi sikaYehova uThixo, ehamba emyezweni empepheni yasemini; basuka bazimela uAdam nomkakhe ebusweni bukaYehova uThixo, phakathi kwemithi yomyezo.
-
9
|Génesis 3:9|
UYehova uThixo wambiza uAdam, wathi kuye, Uphi na?
-
10
|Génesis 3:10|
Wathi yena, Ndive isandi sakho emyezweni, ndasuka ndoyika, ngokuba ndihamba ze; ndazimela.
-
11
|Génesis 3:11|
Wathi, Uxelelwe ngubani na, ukuba uhamba ze? Udlile na kuwo umthi, endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo?
-
12
|Génesis 3:12|
Wathi uAdam, Umfazi owandinikayo ukuba abe nam, nguye ondinikileyo kuwo umthi, ndadla ke.
-
13
|Génesis 3:13|
Wathi uYehova uThixo kumfazi, Yintoni na le nto uyenzileyo? Wathi umfazi, Inyoka indilukuhlile, ndadla ke.
-
14
|Génesis 3:14|
Wathi uYehova uThixo kwinyoka, Ngokuba uyenzile le nto, uqalekisiwe wena ngaphezu kwezinto zonke ezizitho zine, neento zonke eziphilileyo zasendle; uya kuhamba ngesisu, udle uthuli, yonke imihla yobomi bakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5