-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
10
|Génesis 2:10|
Kwaphuma umlambo e-Eden wokuwunyakamisa umyezo; wahluka apho, waba ziimbaxa ezine.
-
11
|Génesis 2:11|
Igama lowokuqala yiPishon; nguwo lowo ujikeleze lonke ilizwe laseHavila, apho ikhona igolide.
-
12
|Génesis 2:12|
Igolide yelo lizwe intle, ikhona ibhedolaki nelitye lebherilo.
-
13
|Génesis 2:13|
Igama lowesibini umlambo yiGihon; nguwo lowo ujikeleze lonke ilizwe lakwaKushi.
-
14
|Génesis 2:14|
Igama lowesithathu umlambo yiHidekele; nguwo lowo uya phambi kwelakwa-Asiriya. Owesine umlambo ngumEfrati.
-
15
|Génesis 2:15|
UYehova uThixo wamthabatha umntu, wambeka emyezweni we-Eden, ukuba awusebenze, awugcine.
-
16
|Génesis 2:16|
UYehova uThixo wamwisela umthetho umntu, esithi, Yonke imithi yomyezo ungayidla uyidle;
-
17
|Génesis 2:17|
ke wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungawudli; kuba mhlana uthe wawudla, uya kufa.
-
18
|Génesis 2:18|
Wathi uYehova uThixo, Akulungile ukuba umntu abe yedwa, ndiya kumenzela umncedi onguwabo.
-
19
|Génesis 2:19|
UYehova uThixo wabumba ngomhlaba zonke izinto eziphilileyo zasendle, nazo zonke iintaka zezulu, wazisa kuye uAdam ukubona ukuba wothini na ukuzibiza, ukuze oko azibize ngako uAdam zonke izinto eziphilileyo, ibe ligama lazo elo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19