-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Génesis 1:11|
Wathi uThixo, Umhlaba mawuphume uhlaza, imifuno evelisa imbewu, imithi yeziqhamo, eyenza iziqhamo ngohlobo lwayo, embewu ikuyo, emhlabeni. Kwaba njalo.
-
12
|Génesis 1:12|
Umhlaba waphuma uhlaza, nemifuno evelisa imbewu ngohlobo lwayo, nemithi eyenza iziqhamo, embewu ikuyo, ngohlobo lwayo. Wabona uThixo ukuba kulungile.
-
13
|Génesis 1:13|
Kwahlwa kwasa: yangumhla wesithathu.
-
14
|Génesis 1:14|
Wathi uThixo, Makubekho izikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zibe ngumahlulo wokwahlula imini kubusuku; zibe zezemiqondiso, zibe zezamaxesha amisiweyo, zibe zezemihla neminyaka;
-
15
|Génesis 1:15|
mazibe zizikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zikhanyise ehlabathini. Kwaba njalo.
-
16
|Génesis 1:16|
Wenza uThixo izikhanyiso ezikhulu zazibini, esona sikhulu isikhanyiso ukuba silawule imini, esona sincinane isikhanyiso ukuba silawule ubusuku; wenza neenkwenkwezi.
-
17
|Génesis 1:17|
Wazibeka uThixo esibhakabhakeni samazulu, ukuba zikhanyise ehlabathini, zilawule imini nobusuku,
-
18
|Génesis 1:18|
zahlule ukukhanya kubumnyama. Wabona uThixo ukuba kulungile.
-
19
|Génesis 1:19|
Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesine.
-
20
|Génesis 1:20|
Wathi uThixo, Amanzi la makanyakazele inyakanyaka, imiphefumlo ephilileyo; zithi neentaka ziphaphazele ehlabathini, esibhakabhakeni sezulu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7