-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
20
|Génesis 2:20|
Wazithiya amagama uAdam zonke izinto ezizitho zine, neentaka zasezulwini, nazo zonke izinto eziphilileyo zasendle; ke uAdam akafunyanelwanga mncedi unguwabo.
-
21
|Génesis 2:21|
UYehova uThixo wawisa ubuthongo obukhulu phezu koAdam, walala. Wathabatha lwalunye ezimbanjeni zakhe, wavingca ngenyama esikhundleni salo.
-
22
|Génesis 2:22|
UYehova uThixo walwakha ubambo abeluthabathe kuAdam, lwaba ngumfazi; wamzisa kuAdam.
-
23
|Génesis 2:23|
Wathi uAdam, Eli ke ngoku lithambo lasemathanjeni am, yinyama yasenyameni yam; lo yena ukubizwa kothiwa ngumfazi, ngokuba ethatyathwe endodeni.
-
24
|Génesis 2:24|
Ngenxa yoko indoda yomshiya uyise nonina, inamathele kumkayo, babe nyama-nye ke.
-
25
|Génesis 2:25|
Baye bobabini behamba ze, umntu lowo nomkakhe, bengenazintloni.
-
1
|Génesis 3:1|
Ke kaloku inyoka yaye inobuqhophololo ngaphezu kwazo zonke izinto eziphilileyo zasendle, abezenzile uYehova uThixo. Yathi kumfazi Utshilo na okunene uThixo ukuthi, Ze ningadli kuyo yonke imithi yomyezo?
-
2
|Génesis 3:2|
Wathi umfazi kwinyoka, Eziqhameni zemithi yomyezo singadla;
-
3
|Génesis 3:3|
ke eziqhameni zomthi osemyezweni phakathi, uthe uThixo, Ze ningadli kuzo; ze ningazichukumisi, hleze nife.
-
4
|Génesis 3:4|
Yathi inyoka kumfazi, Anisayi kufa:
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5