-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Génesis 1:21|
Wadala uThixo oominenga mikhulu, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo enambuzelayo, awanyakazela ngayo amanzi ngohlobo lwayo, neentaka zonke ezinamaphiko ngohlobo lwazo. Wabona uThixo ukuba kulungile.
-
22
|Génesis 1:22|
Wazisikelela uThixo, esithi, Qhamani, nande, niwazalise amanzi aselwandle; zithi iintaka zande ehlabathini.
-
23
|Génesis 1:23|
Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesihlanu.
-
24
|Génesis 1:24|
Wathi uThixo, Umhlaba mawuphume imiphefumlo ephilileyo ngohlobo lwayo: izinto ezizitho zine, nezinambuzane, nezinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo. Kwaba njalo.
-
25
|Génesis 1:25|
Wenza uThixo izinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo, nezinto ezizitho zine ngohlobo lwazo, nazo zonke izinambuzane zomhlaba ngohlobo lwazo. Wabona uThixo ukuba kulungile.
-
26
|Génesis 1:26|
Wathi uThixo, Masenze umntu ngokomfanekiselo wethu ngokufana nathi. Mababe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni ezizitho zine, nasemhlabeni wonke, nasezinambuzaneni zonke ezinambuzela emhlabeni.
-
27
|Génesis 1:27|
Wamdala ke uThixo umntu ngokomfanekiselo wakhe; wamdala ngokomfanekiselo kaThixo; wadala indoda nenkazana.
-
28
|Génesis 1:28|
Wabasikelela uThixo, wathi kubo uThixo, Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba niweyise; nibe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni zonke eziphilileyo ezinambuzelayo emhlabeni.
-
29
|Génesis 1:29|
Wathi uThixo, Yabonani, ndininikile yonke imifuno evelisa imbewu, esemhlabeni wonke, nayo yonke imithi eneziqhamo zemithi evelisa imbewu: yoba kukudla kuni.
-
30
|Génesis 1:30|
Nezinto zonke eziphilileyo zomhlaba, neentaka zonke zezulu, nezinambuzane zonke ezisemhlabeni, ezinomphefumlo ophilileyo, ndizinike yonke imifuno eluhlaza ukuba ibe kukudla. Kwaba njalo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7