-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Génesis 4:21|
Igama lomninawa wakhe belinguYubhali; yena waba nguyise wabo bonke abaphatha uhadi nogwali.
-
22
|Génesis 4:22|
UZila uthe naye wazala uTubhalekayin, obekhanda yonke impahla enobukhali yobhedu nesinyithi; udade woTubhalekayin ebenguNahama.
-
23
|Génesis 4:23|
Wathi uLameki kubafazi bakhe, ada noZila, liveni ilizwi lam. Bafazi bakaLameki, phulaphulani intetho yam. Sendibulele indoda ngenxa yenxeba lam, nendodana ngenxa yomvumbo wam.
-
24
|Génesis 4:24|
Xa uKayin aya kuphindezelwa kasixhenxe, Yena uLameki uya kuphindezelwa kamashumi osixhenxe anesixhenxe.
-
25
|Génesis 4:25|
UAdam wabuya wamazi umkakhe, wazala unyana, wathi igama lakhe nguSete, kuba wathi, UThixo undimisele enye imbewu esikhundleni sika-Abheli owabulawa nguKayin.
-
26
|Génesis 4:26|
USete naye wazalelwa unyana, wathi igama lakhe nguEnoshe. Kwaqalwa oko ukunqulwa igama likaYehova.
-
1
|Génesis 5:1|
Yiyo le incwadi yenzala ka-Adam. Mhlana uThixo wamdala umntu, wamenza ngokufana noThixo.
-
2
|Génesis 5:2|
Wadala indoda nenkazana, wabasikelela, wabathiya igama elinguAdam, mhlana wabadala.
-
3
|Génesis 5:3|
UAdam wahlala iminyaka elikhulu elinamanci mathathu, wazala unyana ngokufana naye, ngokomfanekiso wakhe, wamthiya igama elinguSete.
-
4
|Génesis 5:4|
Imihla ka-Adam emveni kokuzala kwakhe uSete yaba yiminyaka emakhulu asibhozo; wazala oonyana neentombi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5