-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
25
|Génesis 5:25|
UMethusela wahlala iminyaka elikhulu elinamanci asibhozo anesixhenxe, wazala uLameki.
-
26
|Génesis 5:26|
UMethusela wahlala emveni kokuzala kwakhe uLameki iminyaka emakhulu asixhenxe anamanci asibhozo anamibini; wazala oonyana eneentombi.
-
27
|Génesis 5:27|
Iyonke imihla kaMethusela yaba yiminyaka emakhulu asithoba, anamanci mathandathu anesithoba; wafa ke.
-
28
|Génesis 5:28|
ULameki wahlala iminyaka elikhulu elinamanci asibhozo anamibini; wazala unyana.
-
29
|Génesis 5:29|
Wamthiya igama elinguNowa, esithi, Lo uya kusithuthuzela emsebenzini wethu, nasekubulalekeni kwezandla zethu, ngenxa yomhlaba awawuqalekisayo uYehova.
-
30
|Génesis 5:30|
ULameki wahlala emveni kokuzala kwakhe uNowa iminyaka emakulu mahlanu anamanci asithoba anamihlanu; wazala oonyana neentombi.
-
31
|Génesis 5:31|
Iyonke imihla kaLameki yaba yiminyaka emakhulu asixhenxe anesixhenxe; wafa ke.
-
32
|Génesis 5:32|
Ke uNowa ebeminyaka imakhulu mahlanu ezelwe; uNowa wazala ooShem noHam noYafete.
-
1
|Génesis 6:1|
Kuthe bakuqala ukwanda abantu ehlabathini, bakuzalelwa iintombi,
-
2
|Génesis 6:2|
bazibona oonyana bakaThixo iintombi zabantu ukuba zintle, bazeka abafazi kuzo zonke abazinyulayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5