-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
13
|Génesis 6:13|
Wathi uThixo kuNowa, Isiphelo senyama yonke sifikile phambi kwam; ngokuba ihlabathi lizele lugonyamelo oluphuma kubo; yabona ke, ndiya kubonakalisa, bona ndawonye nehlabathi.
-
14
|Génesis 6:14|
Zenzele ke umkhombe ngemithi yegofere, uwenze izindlu umkhombe, uwuqabe ngaphakathi nangaphandle ngebhitumene.
-
15
|Génesis 6:15|
Wenjenje ukuwenza: bube ngamakhulu omathathu eekubhite ubude bomkhombe, namashumi omathathu eekubhite ububanzi bawo, namashumi omathathu eekubhite ukuphakama kwawo.
-
16
|Génesis 6:16|
Wenze ikroba emkhombeni, ukuligqiba kwakho kube yikubhite enye, ithabathela phezulu; umnyango womkhombe uwumise ecaleni lawo; wenze izindlu zodidi lwaphantsi, nolwesibini, nolwesithathu.
-
17
|Génesis 6:17|
Mna ke, uyabona, ndihlisa unogumbe wamanzi ehlabathini, wokonakalisa yonke inyama enomoya wokuphila kuyo, ephantsi kwamazulu; konke okusehlabathini kuya kuphuma umphefumlo;
-
18
|Génesis 6:18|
ndiwumise umnqophiso wam nawe, ungene emkhombeni wena, noonyana bakho, nomkakho, nabafazi boonyana bakho, ndawonye nawe.
-
19
|Génesis 6:19|
Kwizinto zonke eziphilileyo, kwinyama yonke, uze ungenise emkhombeni ngambini kuzo zonke, ukuze zisindiswe nawe, ibe yinkunzi nemazi;
-
20
|Génesis 6:20|
kwiintaka ngohlobo lwazo, kwiinkomo ngohlobo lwazo, kuzo zonke izinambuzane zomhlaba ngohlobo lwazo, zibe ngambini kuzo zonke, eziya kungena kuwe, ukuba zisindiswe.
-
21
|Génesis 6:21|
Wena ke, uthabathele kuwe ekudleni konke okudliwayo, uhlanganisele kuwe kube kukudla kuwe nakuzo.
-
22
|Génesis 6:22|
Wenza uNowa konke uThixo abemwisele umthetho ngako, wenza njengoko.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5