-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Génesis 5:5|
Iyonke imihla ka-Adam, awahlala ngayo, yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mathathu; wafa ke.
-
6
|Génesis 5:6|
USete wahlala iminyaka elikhulu elinaminyaka mihlanu, wazala uEnoshe.
-
7
|Génesis 5:7|
USete wahlala emveni kokuzala kwakhe uEnoshe iminyaka emakhulu asibhozo aneminyaka esixhenxe; wazala oonyana neentombi.
-
8
|Génesis 5:8|
Iyonke imihla kaSete yaba yiminyaka emakhulu asithoba anashumi-nye linamibini; wafa ke.
-
9
|Génesis 5:9|
UEnoshe wahlala iminyaka emashumi asithoba, wazala uKenan.
-
10
|Génesis 5:10|
UEnoshe wahlala emveni kokuzala kwakhe uKenan iminyaka emakhulu asibhozo anashumi-nye linamihlanu; wazala oonyana neentombi.
-
11
|Génesis 5:11|
Iyonke imihla kaEnoshe yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamihlanu; wafa ke.
-
12
|Génesis 5:12|
UKenan wahlala iminyaka emashumi asixhenxe, wazala uMahalaleli.
-
13
|Génesis 5:13|
UKenan wahlala emveni kokuzala kwakhe uMahalaleli iminyaka emakhulu asibhozo anamanci mane: wazala oonyana neentombi.
-
14
|Génesis 5:14|
Iyonke imihla kaKenan yaba yiminyaka emakhulu asithoba, aneminyaka elishumi; wafa ke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5