-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Génesis 35:9|
UThixo wabuya wabonakala kuYakobi ekuveleni kwakhe ePadan-aram, wamsikelela.
-
10
|Génesis 35:10|
Wathi uThixo kuye, Igama lakho nguYakobi; akuyi kuba sathiwa igama lakho nguYakobi, kuya kuthiwa igama lakho nguSirayeli; wamthiya ke igama elinguSirayeli.
-
11
|Génesis 35:11|
Wathi uThixo kuye, NdinguThixo uSomandla. Qhama, wande; uhlanga nesikhungu seentlanga siya kuvela kuwe, nookumkani baphume esinqeni sakho.
-
12
|Génesis 35:12|
Ilizwe endalinika uAbraham noIsake ndilinike wena; ndilinike imbewu yakho emva kwakho ilizwe elo.
-
13
|Génesis 35:13|
Wenyuka uThixo, wemka kuye kuloo ndawo abethethe naye kuyo.
-
14
|Génesis 35:14|
UYakobi wamisa isimiso kuloo ndawo abethethe naye kuyo, isimiso samatye; wathulula phezu kwaso umnikelo othululwayo, wagalela neoli phezu kwaso.
-
15
|Génesis 35:15|
UYakobi wathi igama laloo ndawo, uThixo abethethe naye kuyo, yiBheteli.
-
16
|Génesis 35:16|
Banduluka eBheteli. Kwathi, kusemganyana ukuba kufikwe e-Efrata, wazala uRakeli, kwaba nzima ukuzala kwakhe.
-
17
|Génesis 35:17|
Kwathi, kwakuba nzima ukuzala kwakhe, wathi umzalisikazi kuye, Musa ukoyika, kuba nalo ngunyana wakho.
-
18
|Génesis 35:18|
Kwathi ekupumeni komphefumlo wakhe, kuba wafayo, wathi nguBhenoni igama lakhe; ke yena uyise wathi nguBhenjamin.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10