-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
10
|Génesis 34:10|
nahlale nathi, ilizwe libe phambi kwenu; hlalani nirhwebe kulo, niqiniseke ukuma kulo.
-
11
|Génesis 34:11|
Wathi uShekem kuyise wayo, nakubanakwayo, Mandibabalwe emehlweni enu, nento eniyithethayo kum ndoninika.
-
12
|Génesis 34:12|
Yandisani kunene ikhazi phezu kwam, nesipho; ndoninika njengoko nithethayo kum; ndinikeni ke intombi leyo ibe ngumfazi.
-
13
|Génesis 34:13|
Oonyana bakaYakobi babaphendla ooShekem noHamore uyise ngenkohliso, bathetha nabo, ngokuba ebemenze inqambi uDina, udade wabo.
-
14
|Génesis 34:14|
Bathi kubo, Asinakuyenza le nto, yokuba udade wethu simnike indoda engalukanga; kuba loo nto ibe ingaba sisingcikivo kuthi.
-
15
|Génesis 34:15|
Sovumelana nani ngale ndawo yodwa, ukuba nithe naba njengathi, ngokuthi yaluke kuni yonke into eyindoda.
-
16
|Génesis 34:16|
Soninika ke iintombi zethu, sizeke iintombi zenu, sihlale nani, sibe bantu banye.
-
17
|Génesis 34:17|
Ukuba nithe anasiphulaphula ngokuthi naluke, soyithabatha intombi yethu, simke.
-
18
|Génesis 34:18|
Alunga amazwi abo emehlweni kaHamore, nasemehlweni kaShekem, unyana kaHamore.
-
19
|Génesis 34:19|
Akalibala umfana ukuyenza loo nto, uba ubethabathekile yintombi kaYakobi; ubezukile yena ngaphezu kwayo yonke indlu kayise.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10