-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
10
|Génesis 33:10|
Wathi uYakobi, Hayi, makungabi njalo. Ukuba kaloku ndibabalwe emehlweni akho, thabatha umnikelo wam lo esandleni sam; kuba ngenxa yoko ndibubonile ubuso bakho, ndanga ndibona ubuso bukaThixo, ndalikholo kuwe.
-
11
|Génesis 33:11|
Khawuyithabathe intsikelelo yam ezisiweyo kuwe, ngokuba uThixo undibabale, kuba ndineento zonke. Wamjoka, wayithabatha.
-
12
|Génesis 33:12|
Wathi uEsawu, Masinduluke, sihambe; ndohamba phambi kwakho.
-
13
|Génesis 33:13|
Wathi kuye, Inkosi yam iyazi ukuba abantwana bathambile, nempahla emfutshane, neenkomo ezanyisayo ziphezu kwam; yothi iqhutywe kakhulu imini enye, ife yonke impahla emfutshane.
-
14
|Génesis 33:14|
Inkosi yam mayikhe igqithele phambi komkhonzi wayo ndihambise kuhle ngokuhamba kwempahla ephambi kwam, nangokuhamba kwabantwana, ndide ndifike enkosini yam kwaSehire.
-
15
|Génesis 33:15|
Wathi uEsawu, Makhe ndiyishiye kuwe inxenye yabantu abanam. Wathi yena, Ngani na? Mandibabalwe emehlweni enkosi yam.
-
16
|Génesis 33:16|
Wabuya ngaloo mhla uEsawu ngendlela yakhe, esiya kwaSehire.
-
17
|Génesis 33:17|
UYakobi wanduluka, waya eSukoti, wazakhela indlu, iinkomo zakhe wazibiyela iintlantsi; ngenxa yoko kwathiwa igama laloo ndawo yiSukoti.
-
18
|Génesis 33:18|
Wafika uYakobi enoxolo emzini kaShekem, osezweni lakwaKanan, ekuveleni kwakhe ePadan-aram; wamisa iintente phambi komzi.
-
19
|Génesis 33:19|
Wathenga isiziba somhlaba, apho wayitwabulula khona intente yakhe, esandleni soonyana bakaHamore usoShekem, ngekhulu lemali.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10