-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
32
|Génesis 32:32|
Ngenxa yoko oonyana bakaSirayeli abawudli umsipha kasikrobana ophezu kosikrobana womlenze, nanamhla; ngokuba yachukumisa usikrobana womlenze kaYakobi emsipheni kasikrobana.
-
1
|Génesis 33:1|
Wawaphakamisa uYakobi amehlo akhe, wabona, nanko uEsawu esiza, enamadoda amakhulu mane. Abantwana wabahlulahlula, baba kuLeya, nakuRakeli, nakubakhonzazana bobabini.
-
2
|Génesis 33:2|
Wababeka abakhonzazana nabantwana babo phambili, uLeya nabantwana bakhe emva kwabo, uRakeli noYosefu emva kanye.
-
3
|Génesis 33:3|
Ke yena wagqithela phambi kwabo, waqubuda emhlabeni kasixhenxe, wada wasondela kumkhuluwa wakhe.
-
4
|Génesis 33:4|
Wagidima uEsawu emkhawulela, wamwola, wawa entanyeni yakhe, wamanga; basitsho isililo.
-
5
|Génesis 33:5|
Wawaphakamisa amehlo akhe, wababona abafazi nabantwana, wathi, Ngoobani na aba banawe? Wathi yena, Ngabantwana, athe uThixo wabababala umkhonzi wakho.
-
6
|Génesis 33:6|
Basondela abakhonzazana, bona nabantwana babo, baqubuda.
-
7
|Génesis 33:7|
Wasondela noLeya nabantwana bakhe, baqubuda; emveni koko wasondela uYosefu noRakeli, baqubuda.
-
8
|Génesis 33:8|
Wathi, Iyintoni na yonke le mfuduka yakho endiqubisene nayo? Wathi, Yeyokuba ndibabalwe emehlweni enkosi yam.
-
9
|Génesis 33:9|
Wathi uEsawu, Ndanele, mninawa; makube kokwakho okwakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10