-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
20
|Génesis 33:20|
Wamisa khona isibingelelo, wathi ukusithiya nguThixo, uThixo kaSirayeli.
-
1
|Génesis 34:1|
Ke kaloku uDina, intombi kaLeya, leyo wayizalela uYakobi, waphuma waya kubona iintombi zelo zwe.
-
2
|Génesis 34:2|
UShekem, unyana kaHamore umHivi, isikhulu selizwe, sambona, samthabatha, salala naye, samona.
-
3
|Génesis 34:3|
Umphefumlo wakhe wanamathela kuDina intombi kaYakobi; wayithanda intombi leyo, wathetha kakuhle nentombi.
-
4
|Génesis 34:4|
UShekem wathetha kuHamore uyise wathi, Ndizekele le ntombi ibe ngumfazi.
-
5
|Génesis 34:5|
Weva uYakobi ukuba umenze inqambi uDina, intombi yakhe. Ke oonyana bakhe baye besempahleni yakhe endle; wathi tu ke uYakobi, bada bafika.
-
6
|Génesis 34:6|
Waphuma uHamore, uyise kaShekem, eza kuthetha noYakobi.
-
7
|Génesis 34:7|
Bafika oonyana akaYakobi evela kwalusa. Bakuyiva le nto aba bahlungu amadoda lawo, avutha kunene ngumsindo, ngokuba wenza ubudenge kwaSirayeli ngokulala nentombi kaYakobi, into leyo engeyakwenziwa.
-
8
|Génesis 34:8|
Wathetha uHamore nabo, esithi, uShekem, unyana wam, umphefumlo wakhe uthene nca nentombi yakowenu; khanimnike ibe ngumkakhe;
-
9
|Génesis 34:9|
nendiselane nathi, nisinike iintombi zenu, nizeke iintombi zethu;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10