-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
55
|Génesis 41:55|
Lonke ilizwe laseYiputa laba nendlala; abantu bakhalela isonka kuFaro; wathi uFaro kuwo onke amaYiputa, Yiyani kuYosefu; athe wakuthetha kuni nize nikwenze.
-
56
|Génesis 41:56|
Indlala yaba sezweni lonke; uYosefu wazivula zonke izindlu ezinokudla, wathengisa ngengqolowa kumaYiputa; kuba indlala yaba namandla ezweni laseYiputa.
-
57
|Génesis 41:57|
Lesuka ilizwe liphela, leza kuthenga ingqolowa kuYosefu eYiputa, kuba indlala ibinamandla kulo lonke.
-
1
|Génesis 42:1|
Wabona uYakobi ukuba kukho ingqolowa eYiputa, wathi uYakobi koonyana bakhe, Yini na ukuba nikhangelane?
-
2
|Génesis 42:2|
Wathi, Yabonani, ndivile ukuba kukho ingqolowa eYiputa; yihlani niye khona, nisithengele ingqolowa, siphile, singafi.
-
3
|Génesis 42:3|
Behla abakhuluwa bakaYosefu abalishumi, beya kuthenga ingqolowa eYiputa.
-
4
|Génesis 42:4|
Kodwa uBhenjamin, umninawa kaYosefu, uYakobi akamthumanga nabakhuluwa bakhe; kuba wathi, hleze ahlelwe yingozi.
-
5
|Génesis 42:5|
Oonyana bakaSirayeli beza kuthenga ingqolowa phakathi kwabo bezayo; kuba indlala ibikho ezweni lakwaKanan.
-
6
|Génesis 42:6|
UYosefu wayengumlawuli welizwe elo; yena wayethengisa ngengqolowa kubo bonke abantu belizwe elo; bafika ke abakhuluwa bakaYosefu, baqubuda kuye ngobuso emhlabeni.
-
7
|Génesis 42:7|
UYosefu wababona abakhuluwa bakhe, wabazi, wazenza ongabaziyo, wathetha nabo kalukhuni, wathi kubo, Nivela phi na? Bathi, Sivela ezweni lakwaKanan, size kuthenga ukudla.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3