-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
28
|Génesis 42:28|
Wathi kubazalwana bakhe, Ibuyisiwe imali yam; nantsi ikho nokubakho engxoweni yam. Baphela amandla, bakhangelana begubha, bathi, Yintoni na le ayenzileyo uThixo kuthi?
-
29
|Génesis 42:29|
Bafika kuYakobi uyise ezweni lakwaKanan, bamxelela yonke into ebahleleyo, besithi,
-
30
|Génesis 42:30|
Indoda, inkosi yelo zwe, yathetha nathi kalukhuni, yathi siziintlola zelo zwe.
-
31
|Génesis 42:31|
Sathi kuyo, Sinyanisile;
-
32
|Génesis 42:32|
asizizo iintlola, singabazalwana abalishumi elinababini, oonyana bakabawo; omnye akakho, omncinane ukubawo namhla, ezweni lakwaKanan.
-
33
|Génesis 42:33|
Indoda leyo, inkosi yelo zwe, yathi kuthi, Ndiya kwazi ngale ndawo ukuba ninyanisile: shiyani abe mnye umzalwana wenu kum apha, niphathele izindlu zenu ukudla ngenxa yendlala, nihambe;
-
34
|Génesis 42:34|
nimzise umninawa wenu omncinane kum, ndize ndazi ukuba ninyanisile, anizizo iintlola; ndimnikele kuni umzalwana wenu, nirhwebe ezweni apha.
-
35
|Génesis 42:35|
Kwathi, bakukhuphela iingxowa zabo, babona isiqhuma semali salowo nalowo engxoweni yakhe; bakuzibona iziqhuma zabo zemali boyika, bona noyise.
-
36
|Génesis 42:36|
Wathi kubo uYakobi uyise, Nindihluthe abantwana; uYosefu akakho, uSimon akakho, niza kuthabatha noBhenjamin; zikhwele kum zonke ezo zinto.
-
37
|Génesis 42:37|
Wathi uRubhen kuyise, Babulale bobabini oonyana bam, ukuba andithanga ndimzise kuwe; mnikele esandleni sam, ndombuyisela kuwe mna.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7