-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
20
|Génesis 43:20|
Sehla okunene ekuqaleni, sisiza kuthenga ukudla.
-
21
|Génesis 43:21|
Kwathi, sakufika endaweni yokulalisa, sazivula iingxowa zethu, kwavela imali yalowo nalowo emlonyeni wengxowa yakhe, imali yethu ngomlinganiso wayo. Sibuye nayo ke siyiphethe.
-
22
|Génesis 43:22|
Nenye imali sihle seza nayo esandleni sethu, ukuba sithenge ukudla; asimazi oyifakileyo imali ezingxoweni zethu.
-
23
|Génesis 43:23|
Yathi, Xolani, musani ukoyika; uThixo wenu, uThixo kayihlo, uninikile ubutyebi ezingxoweni zenu; imali yenu ndayamkela. Yabakhuphela uSimon.
-
24
|Génesis 43:24|
Indoda leyo yawangenisa amadoda endlwini kaYosefu, yawanika amanzi, ahlamba iinyawo zawo; yawapha iindiza amaesile awo.
-
25
|Génesis 43:25|
Umnikelo lowo awulungisela ukufika kukaYosefu emini enkulu; kuba ebeve kusithiwa aya kudla isonka khona.
-
26
|Génesis 43:26|
Wangena uYosefu endlwini; amzisela endlwini umnikelo obusesandleni sawo, aqubuda kuye emhlabeni.
-
27
|Génesis 43:27|
Wawabuza ukuphila kwawo, wathi, Uyihlo usaphilile na, ixhego enanithethe ngalo? Usadla ubomi na?
-
28
|Génesis 43:28|
Athi, Usaphilile ubawo umkhonzi wakho, usadla ubomi. Bathoba baqubuda.
-
29
|Génesis 43:29|
Wawaphakamisa amehlo akhe, wambona uBhenjamin umninawa wakhe, umntwana kanina, wathi, Nguye na lo umninawa wenu omncinane, enibe nithetha ngaye kum? Wathi, Ngamana uThixo wakubabala, nyana wam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7