-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
16
|Génesis 44:16|
UYuda wathi, Siya kuthini na enkosini yam? Siya kuthetha ntoni na? Siya kuzihlamba njani na? UThixo ubufumene ubugwenxa babakhonzi bakho; yabona, singabakhonzi benkosi yam, thina aba, nalowa indebe ifunyenwe esandleni sakhe.
-
17
|Génesis 44:17|
Wathi, Makube lee kum ukwenza loo nto; indoda efunyenwe esandleni sayo indebe, yiyo eya kuba sisicaka kum; ke nina nyukani nixolile, niye kuyihlo.
-
18
|Génesis 44:18|
UYuda wasondela kuye, wathi, Tarhu, nkosi yam! Makhe athethe ilizwi umkhonzi wakho ezindlebeni zinkosi yam; mawungavuthi umsindo wakho ngakumkhonzi wakho, ngokuba ungangoFaro wena.
-
19
|Génesis 44:19|
Yababuza inkosi yam abakhonzi bayo, isithi, Ninoyihlo na? Ninomninawa na?
-
20
|Génesis 44:20|
Sathi thina enkosini yam, Sinobawo ixhego, nomntwana wobuxhego bakhe omncinane; umkhuluwa wakhe wafa, yena usele yedwa kunina, uyise uyamthanda.
-
21
|Génesis 44:21|
Wathi ke wena kubakhonzi bakho, Yihlani naye eze kum, ndiwamise amehlo am kuye.
-
22
|Génesis 44:22|
Sathi thina kwinkosi yam, Umfana lowo akanako ukumshiya uyise; emshiyile, uyise angafa.
-
23
|Génesis 44:23|
Wathi wena kubakhonzi bakho, Ukuba umninawa wenu omncinane akathanga ehle nani, aniyi kubuya nibubone ubuso bam.
-
24
|Génesis 44:24|
Kwathi, xenikweni senyukayo saya kumkhonzi wakho ongubawo, samxelela amazwi enkosi yam.
-
25
|Génesis 44:25|
Wathi ubawo, Buyani niye kusithengela intwana yokudla.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7