-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
26
|Génesis 44:26|
Sathi, Asinakuhla. Ukuba umninawa wethu omncinane unathi, sohla; kuba asinakububona ubuso bendoda leyo, engenathi umninawa wethu omncinane.
-
27
|Génesis 44:27|
Wathi ubawo umkhonzi wakho kuthi, Niyazi nina, ukuba umkam wandizalela oonyana ababini.
-
28
|Génesis 44:28|
Omnye waphuma kum, ndathi, Inene, uqwengiwe; andimbonanga unangoku.
-
29
|Génesis 44:29|
Nimthabatha nje nalo ebusweni bam, ethe wahlelwa yingozi, nozihlisela izimvi zam zinobubi kwelabafileyo.
-
30
|Génesis 44:30|
Ngoko ke, ukuba ndithe ndafike kubawo umkhonzi wakho, engenathi umfana (umphefumlo wakhe ubotshwe nomphefumlo wakhe nje),
-
31
|Génesis 44:31|
kothi, akubona ukuba akakho umfana, afe, nabakhonzi bakho bahlise izimvi zomkhonzi wakho ubawo enesingqala, ziye kwelabafileyo.
-
32
|Génesis 44:32|
Kuba umkhonzi wakho lo wammela umfana lowo kubawo, ndisithi, Ukuba andithanga ndimzise kuwe, ndoba netyala kubawo yonke imihla yam.
-
33
|Génesis 44:33|
Ngoko makahlale umkhonzi wakho lo esikhundleni somfana, ndibe likhoboka enkosini yam mna; umfana anyuke nabakhuluwa bakhe.
-
34
|Génesis 44:34|
Kuba ndingathini na ukunyuka ndiye kubawo, engenam umfana? hleze ndibubone ububi obomfumana ubawo.
-
1
|Génesis 45:1|
UYosefu akabanga nakuzibamba phambi kwabo bonke ababemi ngakuye. Wadanduluka wathi, Khuphani bonke abantu, bemke kum. Akwabakho mntu umi ngakuye ekuzaziseni kukaYosefu kubazalwana bakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7