-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
30
|Génesis 43:30|
Wakhawuleza uYosefu; kuba wasikwa yimfesane ngenxa yomninawa wakhe, wafuna indawo angalilela kuyo, wangena engontsini, walila khona.
-
31
|Génesis 43:31|
Waza wahlamba ubuso bakhe, waphuma ezibambile, wathi, Bekani isonka.
-
32
|Génesis 43:32|
Bambekela yedwa, bababekela bodwa bona, bawabekela odwa amaYiputa abesidla naye; kuba amaYiputa akanakudla sonka namaHebhere; kuba lisikizi elo kumaYiputa.
-
33
|Génesis 43:33|
Bhalala phantsi phambi kwakhe, owamazibulo ngokobuzibulo bakhe, omncinane ngokobuncinane bakhe. Amadoda akhangelana ethe manga.
-
34
|Génesis 43:34|
Aselwa izabelo ezisuka phambi kwakhe; ke isabelo sikaBhenjamin saba sikhulu kahlanu kwizabelo zabo bonke bephela. Basela, baba mnandi benaye.
-
1
|Génesis 44:1|
Wamwisela umthetho umphathi wendlu, esithi, Zizalise iingxowa zala madoda ngokudla, njengoko zinako ukukhongozela, uyibeke imali yalowo nalowo emlonyeni wengxowa yakhe;
-
2
|Génesis 44:2|
uyibeke indebe yam, indebe yesilivere, emlonyeni wengxowa yomncinane, nemali yengqolowa yakhe. Wenza ke ngokwelizwi likaYosefu abelithethile.
-
3
|Génesis 44:3|
Kwakuthi qhiphu ukusa, andululwa loo madoda, wona namaesile awo.
-
4
|Génesis 44:4|
Akubona ukuba aphumile emzini, engekayi kude, wathi uYosefu kumphathi wendlu yakhe, Suka, uwasukele laa madoda; wakuwafumana uze uthi kuwo, Yini na ukuba niphindezele okulungileyo ngokubi?
-
5
|Génesis 44:5|
Le nto asiyile na inkosi yam isela ngayo, ihlabe nezihlabo ngayo? Yinto embi le nto niyenzileyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7