-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Génesis 44:6|
Wawafumana, wathetha kuwo loo mazwi.
-
7
|Génesis 44:7|
Athi kuye, Yini na ukuba inkosi yam ithethe ngokwaloo mazwi? Makube lee kubakhonzi bakho ukwenza ngokwelo lizwi.
-
8
|Génesis 44:8|
Uyabona, imali esayifumanayo emlonyeni weengxowa zethu, sayibuyisela kuwe, sivela ezweni lakwaKanan. Singathini na ke ukuba endlwini yenkosi yakho isilivere nokuba yigolide?
-
9
|Génesis 44:9|
Osukuba ifunyenwe kuye phakathi kwabakhonzi bakhe, makafe; kananjalo thina sibe ngamakhoboka enkosini yam.
-
10
|Génesis 44:10|
Wathi, Makube njengokwamazwi enu; ke ngoko osukuba ifunyenwe kuye, woba sisicaka sam, ke nina noba msulwa.
-
11
|Génesis 44:11|
Bakhawuleza, bathula elowo ingxowa yakhe, bayibeka emhlabeni, bavula elowo ingxowa yakhe.
-
12
|Génesis 44:12|
Wagquthagqutha, eqalela komkhulu, egqibela komncinane; yafunyanwa indebe engxoweni kaBhenjamin.
-
13
|Génesis 44:13|
Bazikrazula iingubo zabo, babopha elowo iesile lakhe, babuyela kuloo mzi.
-
14
|Génesis 44:14|
Wafika uYuda nabazalwana bakhe endlwini kaYosefu; ubesekhona yena. Bawa phambi kwakhe emhlabeni.
-
15
|Génesis 44:15|
UYosefu wathi kubo, Sisenzo sini na esi nisenzileyo? Beningazi na ukuba indoda enjengam nje ibingahlaba izihlabo?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7