-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
22
|Génesis 45:22|
Wabanika bonke elowo iingubo zokukhululana. Wamnika uBhenjamin iisilivere ezimakhulu mathathu, neengubo ezintlanu zokukhululana.
-
23
|Génesis 45:23|
Kuyise wathumela ezilolu hlobo: amaesile alishumi, ethwele izinto ezilungileyo zaseYiputa, neemazi zamaesile ezilishumi, zithwele ingqolowa, nesonka, nomphako kayise wendlela.
-
24
|Génesis 45:24|
Wabandulula ke abazalwana bakhe, bahamba; wathi kubo, Ize ningaxabani endleleni.
-
25
|Génesis 45:25|
Benyuka, bemke ke eYiputa, bafika ezweni lakwaKanan kuYakobi uyise.
-
26
|Génesis 45:26|
Bamxelela besithi, UYosefu usahleli; ewe, ungumphathi welizwe lonke laseYiputa. Yaqoba intliziyo yakhe, kuba ebengakholwa ngabo.
-
27
|Génesis 45:27|
Bawathetha kuye onke amazwi kaYosefu, abewathethile kubo. Wazibona iinqwelo abezithumele uYosefu, ukuba zimthwale; waza waphila umoya kaYakobi uyise.
-
28
|Génesis 45:28|
Wathi uSirayeli, Kwanele. UYosefu unyana wam usahleli. Ndiya kuya ndimbone, ndingekafi.
-
1
|Génesis 46:1|
Wanduluka ke uSirayeli neento zonke abenazo, wafika eBher-shebha, wabingelela imibingelelo kuThixo kayise uIsake.
-
2
|Génesis 46:2|
Wathetha uThixo kuSirayeli emibonweni yobusuku, wathi, Yakobi, Yakobi! Wathi yena, Ndilapha.
-
3
|Génesis 46:3|
Wathi, NdinguThixo, uThixo wooyihlo, musa ukoyika ukuhla uye eYiputa; kuba ndiya kukwenza uhlanga olukhulu khona.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7