-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
12
|Génesis 13:12|
UAbram wahlala ezweni lakwaKanan; uLote wahlala emizini yaloo mmandla, wayisondezela eSodom intente yakhe.
-
13
|Génesis 13:13|
Ke kaloku amadoda aseSodom ayengabenzi bobubi, engaboni abakhulu kuYehova.
-
14
|Génesis 13:14|
Wathi uYehova kuAbram, emveni kokuba uLote ahlukane naye, Khawuwaphakamise amehlo akho ukuloo ndawo ukuyo, ubhekise entla, nasezantsi, nasempumalanga, nasentshonalanga;
-
15
|Génesis 13:15|
ngokuba lonke ilizwe olibonayo ndiya kulinika wena, nembewu yakho, kude kuse ephakadeni;
-
16
|Génesis 13:16|
ndiyenze imbewu yakho ibe njengothuli lomhlaba, angathi ubani enako ukulubala uthuli lomhlaba, ayibale nembewu yakho.
-
17
|Génesis 13:17|
Suka, ulihambe ilizwe ngobude balo nangobubanzi balo; ngokuba ndiya kulinika wena.
-
18
|Génesis 13:18|
Wancothula uAbram intente yakhe, waya wahlala ngaseMiokini kaMamre eseHebron, wakhela khona uYehova isibingelelo.
-
1
|Génesis 14:1|
Kwathi ngemihla ka-Amrafele ukumkani waseShinare, noAriyoki ukumkani wase-Elazare, noKedorlahomere ukumkani wakwaElam, noTidali ukumkani wamaGoyi,
-
2
|Génesis 14:2|
benza imfazwe noBhera ukumkani waseSodom, noBhirsha ukumkani waseGomora, noShinabhi ukumkani waseAdama, noShemebhere ukumkani waseTsebhoyim, nokumkani waseBhela, eyiTsohare.
-
3
|Génesis 14:3|
Bonke abo baqukana entilini yaseSidim, eluLwandle lweTyuwa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 6-8