-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
14
|Génesis 14:14|
Weva ke uAbram, ukuba uthinjiwe umzalwana wakhe, wawaphalaza amadoda akhe aqeqeshiweyo, azalelwe endlwini yakhe, angamakhulu mathathu aneshumi elinesibhozo, wasukela, waya kufika kwaDan.
-
15
|Génesis 14:15|
Wawahlulahlula, wabawela ebusuku, yena nabakhonzi bakho, wabagxotha, wabasukela wasa eHobha, engasekhohlo kweDamasko.
-
16
|Génesis 14:16|
Wazibuyisa zonke iimpahla, kwanoLote unizalwana wakhe, wazibuyisa neempahla zakhe, kwanabafazi nabantu.
-
17
|Génesis 14:17|
Waphuma ukumkani waseSodom, esiya kumkhawulela ekubuyeni kwakhe ekutshabalaliseni uKedorlahomere, nookumkani ebabenaye, entilini yeShave, eyintili yookumkani.
-
18
|Génesis 14:18|
UMelkitsedeke, ukumkani waseSalem, waphuma enesonka newayini, ubengumbingeleli kaThixo Osenyangweni.
-
19
|Génesis 14:19|
Wamsikelela wathi, Makasikelelwe uAbram nguThixo Osenyangweni, uMninimazulu nehlabathi!
-
20
|Génesis 14:20|
Makabongwe uThixo Osenyangweni obanikeleyo ababandezeli bakho esandleni sakho. UAbram wamnika isishumi seento zonke.
-
21
|Génesis 14:21|
Wathi ukumkani waseSodom, kuAbram, Ndinike abantu, uthabathe impahla.
-
22
|Génesis 14:22|
Wathi uAbram kukumkani waseSodom, Isandla sam ndisiphakamisele kuYehova uThixo Osenyangweni, uMninimazulu nehlabathi,
-
23
|Génesis 14:23|
ukuba andiyi kuthabatha nosinga, nokuba ngumtya wembadada, ukuba andiyi kuthabatha kuko konke okwakho; ukuze ungatsho ukuthi, Mna nidimtyebisile uAbram.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 5-7