-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Génesis 16:9|
Sathi isithunywa sikaYehova kuye, Buyela kwinkosikazi yakho, uzithobe phantsi kwesandla sayo.
-
10
|Génesis 16:10|
Sathi isithunywa sikaYehova kuye, Ndiya kuyandisa kakhulu imbewu yakho, ingabalwa ngenxa yobuninzi.
-
11
|Génesis 16:11|
Sathi isithunywa sikaYehova kuye, Yabona umithi; uya kuzala unyana, umthiye igama elinguIshmayeli, ngokuba uYehova uzivile iintsizi zakho.
-
12
|Génesis 16:12|
Yena uya kuba ngumntu onjenge-esile lasendle ukundweba; isandla sakhe siya kuchasana nabantu bonke, isandla sabantu bonke sichasane naye; ahlale ebusweni babazalwana bakhe bonke.
-
13
|Génesis 16:13|
Walibiza igama likaYehova, obethetha naye, wathi, UnguThixo ozibonakalisayo. Ngokuba wathi, Ndisabona na nalapha, emveni kokuba ndimbonile?
-
14
|Génesis 16:14|
Ngenxa yoko walithiya elo qula igama lokuthi liQula likaPhila-ebonile; nalo phakathi kweKadeshe neBherede.
-
15
|Génesis 16:15|
UHagare wamzalela uAbram unyana; uAbram ukumthiya igama unyana wakhe, lowo abemzalele yena uHagare, wathi nguIshmayeli.
-
16
|Génesis 16:16|
UAbram ubeminyaka imashumi asibhozo anamithandathu ezelwe, oko uHagare wamzalelayo uAbram uIshmayeli.
-
1
|Génesis 17:1|
Kwathi, uAbram akuba minyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, uYehova wabonakala kuAbram, wathi kuye, NdinguThixo uSomandla; hamba phambi kwam ube ngogqibeleleyo.
-
2
|Génesis 17:2|
Ndiya kuwubeka umnqophiso wam phakathi kwam nawe, ndikwandise kakhulu kunene.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 5-7