-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
23
|Génesis 17:23|
UAbraham wamthabatha uIshmayeli unyana wakhe, nabo bonke abazalelwe endlwini yakhe, nabo bonke abazuzwe ngemali yakhe, yonke into eyindoda phakathi kwabantu bendlu ka-Abraham, wayalusa inyama yokwaluswa kwangaloo mini, njengoko abethethile uThixo kuye.
-
24
|Génesis 17:24|
UAbraham ebeminyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, ukwaluswa kwenyama yokwaluswa.
-
25
|Génesis 17:25|
UIshmayeli, unyana wakhe, ebeminyaka ilishumi elinamithathu ezelwe, ukwaluswa kwenyama yokwaluswa.
-
26
|Génesis 17:26|
Kwangaloo mini waluswa uAbraham, noIshmayeli unyana wakhe.
-
27
|Génesis 17:27|
Nawo onke amadoda endlu yakhe, azalelwe endlwini yakhe, nazuzwe ngemali kubani wolunye uhlanga, aluswa kunye naye.
-
1
|Génesis 18:1|
UYehova wabonakala kuye eMiokini kaMamre, ehleli emnyango wentente, ekufudumaleni kwemini.
-
2
|Génesis 18:2|
Wawaphakamisa amehlo akhe, wabona, nango amadoda amathathu emi ngakuye. Wabona, wagidima, eya kuwa khawulela, esuka emnyango wentente.
-
3
|Génesis 18:3|
Waqubuda emhlabeni, wathi, Nkosi yam, ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, musa ukudlula umke kumkhonzi wakho.
-
4
|Génesis 18:4|
Makhe kuthatyathwe intwana yamanzi, nihlambe iinyawo zenu, ningqengqe phantsi komthi lo;
-
5
|Génesis 18:5|
ndithabathe iqhekeza lesonka, nixhase iintliziyo zenu; kamva nodlula; kuba nize kudlula ngenxa yoko kumkhonzi wenu. Athi, Yenza ngoko uthethe ngako.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 5-7