-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
16
|Génesis 18:16|
Asuka ke amadoda lawo ondela eSodom; uAbraham ehamba nawo, ewaphelekelela.
-
17
|Génesis 18:17|
Wathi uYehova, Ndomfihlela na uAbraham into endiza kuyenza?
-
18
|Génesis 18:18|
Kanti uAbraham uya kuthi abe luhlanga olukhulu, olunamandla, zisikeleleke ngaye iintlanga zonke zehlabathi.
-
19
|Génesis 18:19|
Kuba ndaze yena, ukuze abawisele umthetho abantwana bakhe, nendlu yakhe emva kwakhe, bagcine indlela kaYehova, benze ubulungisa nokusesikweni, ukuze uYehova amenzele uAbraham into ayithethileyo kuye.
-
20
|Génesis 18:20|
Wathi uYehova, Isikhalo saseSodom neGomora sisikhulu nje, nesono sayo sinzima kunene nje,
-
21
|Génesis 18:21|
ndiya kukha ndihle, ndikhangele ukuba baphelelisile na ngokwesikhalo sayo esifikileyo kum; ukuba akunjalo, ndazi.
-
22
|Génesis 18:22|
Ajika apho amadoda lawo, asinga eSodom; ke yena uAbraham wayesemi phambi koYehova.
-
23
|Génesis 18:23|
Wasondela uAbraham, wathi, Ungade ubhebhethe olilungisa kunye nongendawo yini na?
-
24
|Génesis 18:24|
Hi, kwakho amashumi amahlanu amalungisa phakathi komzi; ungade uyibhebhethe, ungayixoleli, loo ndawo yini na, ngenxa yamalungisa amashumi mahlanu akuyo?
-
25
|Génesis 18:25|
Makube lee kuwe ukwenza ngokwendawo enjalo ukubulala olilungisa kunye nongendawo, ilungisa libe njengongendawo; makube lee kuwe. Umgwebi wehlabathi lonke akayi kwenza okusesikweni yini na?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 5-7