-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Génesis 18:6|
Wakhawuleza uAbraham, waya ententeni kuSara, wathi, Khawuleza, uxovule iiseha ezintathu zomgubo ocoliweyo, wenze amaqebengwana ezonka.
-
7
|Génesis 18:7|
Wagidima waya ezinkomeni uAbraham, wathabatha ithole lenkomo, lithambile, lilungile, wanika umfana, wakhawuleza ukulilungisa.
-
8
|Génesis 18:8|
Wathabatha amasi, nobisi, nethole lenkomo abelilungisile, wabeka phambi kwawo, wema ngakuwo phantsi komthi lowo, adla.
-
9
|Génesis 18:9|
Athi kuye, Uphi na uSara umkakho?
-
10
|Génesis 18:10|
Wathi, Nanko ententeni. Yathi, Ndiya kubuyela kuwe, lakubuya eli xesha; yabona, uSara umkakho uya kuba nonyana. Weva uSara esemnyango wentente, wona esemva kwayo.
-
11
|Génesis 18:11|
Ke kaloku uAbraham noSara babesebaluphele, sebekhulile; kusekunqamkile kuSara okwendlela yabafazi.
-
12
|Génesis 18:12|
USara wahleka ngaphakathi kwakhe, esithi, Emveni kokuba ndihagele, ndisaya kuyolelwa na, nenkosi yam yaluphele nje?
-
13
|Génesis 18:13|
Wathi uYehova kuAbraham, Yini na ukuba uSara ahleke, esithi, Kuhleliwe nje ndiya kuzala na ndaluphele nje mna?
-
14
|Génesis 18:14|
Kukho nto ingamnqabelayo na uYehova? Ngexesha elimisiweyo ndiya kubuyela kuwe, lakubuya eli xesha, uSara abe nonyana.
-
15
|Génesis 18:15|
Wakhanyela uSara, esithi, Andihlekanga; kuba ebesoyika. Wathi yena, Hayi, uhlekile.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3