-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|Génesis 19:3|
Wazijoka kunene, zaphambukela kuye, zangena endlwini yakhe; wazenzela isidlo, woja nezonka ezingenagwele, zadla.
-
4
|Génesis 19:4|
Ke kaloku, zingekalali, amadoda aloo mzi, amadoda aseSodom, ayirhawula indlu, ethabathela kumfana esa kwixhego, bonke abantu bevela nasekupheleni kwawo.
-
5
|Génesis 19:5|
Bambiza uLote, bathi kuye, Aphi na amadoda angene kuwe ngobu busuku? Wakhuphele kuthi, siwazi.
-
6
|Génesis 19:6|
Waphuma uLote waya kubo emnyango, waluvala ucango emva kwakhe,
-
7
|Génesis 19:7|
wathi, Musani ukwenza into embi, bazalwana.
-
8
|Génesis 19:8|
Khanibone, ndineentombi ezimbini ezingazani nandoda; mandikhuphele zona kuni, nenze kuzo ngoko kulungileyo emehlweni enu. Ke kula madoda musani ukwenza nto, kuba angene ngenxa yoko emthunzini wophahla lwam.
-
9
|Génesis 19:9|
Bathi, Khwelela; batsho bathi, Lo wezayo ngokuphambukela uhlala egweba; ngoku sokuphatha kakubi wena kunawo. Besuka indulumbane phezu kwendoda uLote, basondela, beza kuluqhekeza ucango.
-
10
|Génesis 19:10|
Amadoda lawo asolula isandla sawo, amngenisa uLote kuwo endlwini, aluvala ucango.
-
11
|Génesis 19:11|
Awabetha ngobumfama amadoda abesemnyango wendlu, ethabathela kwencinane esa kwenkulu, azidinisa ke ukufuna umnyango.
-
12
|Génesis 19:12|
Athi amadoda lawo kuLote, Usenabani na apha? Umyeni, noonyana bakho, neentombi zakho, nabo bonke onabo kulo mzi, bakhuphe kule ndawo;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3