-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
23
|Génesis 19:23|
Ilanga lalise liphumile phezu kwehlabathi, ukufika kukaLote eTsohare.
-
24
|Génesis 19:24|
Wanisa ke uYehova phezu kweSodom neGomora isulfure nomlilo ophuma kuYehova emazulwini;
-
25
|Génesis 19:25|
wayibhukuqa loo mizi, nawo wonke loo mmandla, nabo, bonke abemi baloo mizi, nesihlumo somhlaba.
-
26
|Génesis 19:26|
Kodwa umkakhe, esemva kwakhe, wakhangela ngasemva, waba yintsika yetyuwa.
-
27
|Génesis 19:27|
UAbraham wavuka kusasa, waya kuloo ndawo wayemi kuyo ebusweni bukaYehova.
-
28
|Génesis 19:28|
Wondela eSodom neGomora, nakulo lonke ilizwe laloo mmandla. Wakhangela; nango unyuka umsi welo zwe, njengomsi weziko lemfutho.
-
29
|Génesis 19:29|
Kwathi, xenikweni uThixo wayonakalisayo imizi yaloo mmandla, uThixo wamkhumbula uAbraham, wamkhupha uLote phakathi kobhukuqo olo, ekuyibhukuqeni imizi leyo abehleli kuyo uLote.
-
30
|Génesis 19:30|
Wenyuka uLote ephuma eTsohare, wahlala entabeni, eneentombi zakhe zombini, kuba ebesoyika ukuhlala eTsohare; wahlala emqolombeni, yena neentombi zakhe zombini.
-
31
|Génesis 19:31|
Yathi eyamazibulo kwencinane, Ubawo waluphele; akukho ndoda ezweni apha yokusingena ngokwendlela yehlabathi lonke;
-
32
|Génesis 19:32|
yiza, simseze ubawo iwayini, silale naye, sigcine imbewu ngobawo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3