-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
59
|Génesis 24:59|
Bamndulula ke uRebheka udade wabo, nomanyisikazi wakhe, nomkhonzi ka-Abraham, namadoda abenaye.
-
60
|Génesis 24:60|
Bamsikelela uRebheka, bathi kuye, Ungudade wethu; yiba ngamawaka-waka, imbewu yakho ilidle ilifa isango labo bayithiyayo.
-
61
|Génesis 24:61|
Wesuka uRebheka nomthinjana wakhe, bakhwela ezinkameleni, balandela emva kwendoda leyo. Umkhonzi wamthabatha ke uRebheka, wemka.
-
62
|Génesis 24:62|
Ke kaloku uIsake weza ngendlela evela equleni likaPhila-ebonile; kuba ebemi ezweni lasezantsi.
-
63
|Génesis 24:63|
Waphuma uIsake, waya kucamngca entsimini, xa kuhlwayo; wawaphakamisa amehlo akhe, wabona nanzo iinkamela zisiza.
-
64
|Génesis 24:64|
URebheka wawaphakamisa amehlo akhe, wambona uIsake, waziphosa phantsi, wehla enkameleni.
-
65
|Génesis 24:65|
Wathi kumkhonzi, Ngubani na laa mfo uhambayo entsimini, esiza kusikhawulela? Wathi umkhonzi, Yinkosi yam. Wathabatha ke isigqubuthelo, wazigqubuthela.
-
66
|Génesis 24:66|
Umkhonzi wamxelela uIsake izinto zonke abezenzile.
-
67
|Génesis 24:67|
UIsake wamsa ententeni kaSara unina, wamzeka uRebheka, waba ngumkakhe; wamthanda. UIsake wathuthuzeleka ke ngenxa yonina.
-
1
|Génesis 25:1|
Wabuya uAbraham wazeka umfazi; igama lakhe lalinguKetura.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13