-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
29
|Génesis 24:29|
URebheka waye enomnakwabo, ogama linguLabhan waya endodeni leyo ngaphandle emthonjeni.
-
30
|Génesis 24:30|
Ke kwathi, akulibona ijikazi lempumlo, nezacholo ezandleni zodade wabo, wathi, akuweva amazwi kaRebheka udade wabo, esithi, Yenjenje indoda le ukuthetha kum: waya kuyo indoda, nantso imi ngasezinkameleni ngasemthonjeni.
-
31
|Génesis 24:31|
Wathi, Yiza, wena usikelelweyo nguYehova; umeleni na ngaphandle? Mna ndiyilungisile indlu nendawo yeenkamela.
-
32
|Génesis 24:32|
Yangena indoda leyo endlwini, wazikhulula iinkamela zayo; iinkamela wazinika umququ neendiza, wayinika amanzi okuhlamba iinyawo zayo, neenyawo zamadoda abenayo.
-
33
|Génesis 24:33|
Kwabekwa ukudla phambi kwayo. Yathi yona, Andiyi kudla, ndide ndilithethe ilizwi lam. Wathi, Thetha.
-
34
|Génesis 24:34|
Yathi, Ndingumkhonzi ka-Abraham.
-
35
|Génesis 24:35|
UYehova uyisikelele kunene inkosi yam; wayikhulisa, wayinika imphahla emfutshane, neenkomo, nesilivere, negolide, nabakhonzi, nabakhonzazana, neenkamela, namaesile.
-
36
|Génesis 24:36|
Ke uSara, umfazi wankosi yam, wayizalela inkosi yam unyana, emveni kokuba iseyaluphele. Imnike zonke izinto enazo.
-
37
|Génesis 24:37|
Yandifungisa ke inkosi yam, isithi, Unyana wam uze ungamzekeli umfazi ezintombini zamaKanan, endihleli ezweni lawo mna.
-
38
|Génesis 24:38|
Suka uye endlwini kabawo emizalwaneni yakowethu, umzekele unyana wam umfazi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13