-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
19
|Génesis 23:19|
Emveni koko uAbraham wamngcwaba uSara umkakhe emqolombeni wentsimi yaseMakapela phambi kowakwaMamre, kowaseHebron leyo, ezweni lakwaKanan.
-
20
|Génesis 23:20|
Yaqiniseka ke intsimi leyo nomqolomba okuyo kuAbraham, ukuze abe nendawo yakhe yokungcwaba, ngoonyana bakaHeti.
-
1
|Génesis 24:1|
Ke kaloku uAbraham ebaluphele, eselekhulile ebudaleni; uYehova waye emsikelele ke uAbraham ezintweni zonke.
-
2
|Génesis 24:2|
Wathi uAbraham kumkhonzi wakhe, oyena mkhulu endlwini yakhe, obelawula zonke izinto abenazo, Khawubeke isandla sakho phantsi kwethanga lam,
-
3
|Génesis 24:3|
ndikufungise uYehova uThixo wamazulu, uThixo wehlabathi, ukuba akuyi kumzekela unyana wam umfazi ezintombini zamaKanan, endihleli phakathi kwawo;
-
4
|Génesis 24:4|
ukuba woya ezweni lakowethu, nakwelokuzalwa kwam, umzekele unyana wam uIsake umfazi.
-
5
|Génesis 24:5|
Wathi umkhonzi kuye, Hi ke, ayavuma inkazana ukundilandela ukuza kweli lizwe, ndombuyisela na unyana wakho kwelo zwe waphuma kulo wena?
-
6
|Génesis 24:6|
Wathi uAbraham kuye, Zilumkele ungambuyiseli unyana wam khona.
-
7
|Génesis 24:7|
UYehova, uThixo wamazulu, owandithabathayo endlwini kabawo, ezweni lokuzalwa kwam, owathethayo kum, owandifungelayo esithi, Imbewu yakho ndiya kuyinika eli lizwe, yena wosithuma isithunywa sakhe phambi kwakho, umzekele umfazi unyana wam khona.
-
8
|Génesis 24:8|
Ukuba ke inkazana leyo ithe ayavuma ukukulandela, woba ukhululekile kwesi sifungo sam; kodwa uze ungambuyiseli unyana wam khona.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13