-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Génesis 23:9|
ukuba andinike umqolomba waseMakapela, lowo anawo, osekupheleni kwentsimi yakhe, andinike wona ngemali ezalisekileyo; ube yindawo yam yokungcwaba phakathi kwenu.
-
10
|Génesis 23:10|
UEfron wayehleli phakathi koonyana bakaHeti; uEfron umHeti wamphendula uAbraham ezindlebeni zoonyana bakaHeti, zabo bonke abangenayo ngesango lomzi wakhe, esithi, Hayi, nkosi yam, ndive!
-
11
|Génesis 23:11|
Intsimi leyo ndiyakunika, nomqolomba okuyo ndiyakunika; emehlweni oonyana babantu bakowethu ndiyakunika; ngcwaba umfikizi loo.
-
12
|Génesis 23:12|
Waqubuda uAbraham phambi kwabantu belizwe elo.
-
13
|Génesis 23:13|
Wathetha kuEfron ezindlebeni zabantu belizwe elo, wathi, Wanga ungandiva; ndikunika imali ngentsimi; yithabathe kum, ndingcwabe umfikazi khona.
-
14
|Génesis 23:14|
UEfron wamphendula uAbraham, wathi kuye,
-
15
|Génesis 23:15|
Nkosi yam, ndive! Umhlaba ngoweeshekele zesilivere ezimakhulu mane. Yintoni na loo nto phakathi kwam nawe? Ngcwaba ke umfikazi lowo.
-
16
|Génesis 23:16|
UAbraham wamphulaphula uEfron; uAbraham wamlinganisela uEfron isilivere leyo, abethethe ngayo ezindlebeni zoonyana bakaHeti, amakhulu omane eeshekele zesilivere evunywayo ngumrhwebi.
-
17
|Génesis 23:17|
Yaqiniseka ke intsimi kaEfron eseMakapela ephambi kowakwaMamre, intsimi leyo nomqolomba okuyo, nemithi yonke esentsimini, ekuyo yonke imilimandlela ngeenxa zonke.
-
18
|Génesis 23:18|
Yaba yinzuzo kuAbraham emehlweni oonyana bakaHeti, kubo bonke abangenayo ngesango lomzi wakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13