-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Génesis 24:9|
Wasibeka umkhonzi isandla sakhe ngaphantsi kwethanga lika-Abraham inkosi yakhe, wamfungela loo nto.
-
10
|Génesis 24:10|
Umkhonzi wathabatha unkamela ezilishumi kwunkamela zenkosi yakhe, wemka enezinto zonke ezilungileyo zenkosi yakhe esandleni sakhe, wesuka waya kwa-Aram, phakathi kweMilambo, emzini kaNahore.
-
11
|Génesis 24:11|
Waziguqisa iinkamela ngaphandle komzi, ngasequleni lamanzi, ngexa langokuhlwa, ngexa lokuphuma kwabakhi bamanzi.
-
12
|Génesis 24:12|
Wathi, Yehova, Thixo wenkosi yam uAbraham, mawundithamsanqele namhla, uyenzele inkosi yam uAbraham inceba.
-
13
|Génesis 24:13|
Yabona, ndimi ngasemthonjeni wamanzi; untombi zabantu balo mzi ziyaphuma, ziza kukha amanzi.
-
14
|Génesis 24:14|
Ke intombi endothi kuyo, Khawuthobe umphanda wakho ndisele; ize ithi, Sela, neenkamela zakho ndoziseza nazo: mayibe yiyo oyimisele umkhonzi wakho uIsake; ndazi mna ngoko, ukuba uyenzele inkosi yam inceba.
-
15
|Génesis 24:15|
Kwathi, ingekagqibi ukuthetha, gqi uRebheka esiza, lowo wazalwayo nguBhetuweli, unyana kaMilka, umkaNahore, umninawa ka-Abraham, enomphanda wakhe egxalabeni lakhe.
-
16
|Génesis 24:16|
Intombi leyo ibe intle kunene imbonakalo, intombi eyintombi, engaziwanga ndoda; yehla, yeza emthonjeni, yawuzalisa umphanda wayo, yenyuka.
-
17
|Génesis 24:17|
Wagidima umkhonzi waya kuyikhawulela, wathi, Ndiphe ndisele intwana yamanzi emphandeni wakho.
-
18
|Génesis 24:18|
Yathi, Sela, nkosi yam. Yakhawuleza, yawuhlisela esandleni umphanda wayo, yamseza.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13