-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
17
|Génesis 31:17|
Wesuka uYakobi wabakhwelisa oonyana bakhe, nabafazi bakhe, ezinkameleni.
-
18
|Génesis 31:18|
Waqhuba yonke impahla yakhe, nayo yonke ingqwebo yakhe abeyiqwebile, impahla abeyifuyile, abeyiqwebile ePadan-aram, ukuze aye kuIsake uyise ezweni lakwaKanan.
-
19
|Génesis 31:19|
ULabhan ubeye kucheba impahla yakhe emfutshane; uRakeli wayiba imilonde-khaya ebiyekayise.
-
20
|Génesis 31:20|
UYakobi wamlalanisa uLabhan umAram, ekubeni engamxelelanga ukuba uyabaleka.
-
21
|Génesis 31:21|
Wabaleke ke, yena nako konke abenako; wesuka, wawuwela uMlambo, wabubhekisa ubuso bakhe entabeni yaseGiliyadi.
-
22
|Génesis 31:22|
Waxelelwa uLabhan ngomhla wesithathu ukuba uYakobi ubalekile.
-
23
|Génesis 31:23|
Wathabatha abazalwana bakhe, wamphuthuma uhambo lwemihla esixhenxe; bafumanana entabeni yaseGiliyadi.
-
24
|Génesis 31:24|
Weza uThixo kuLabhan umAram ephupheni ebusuku, wathi kuye, Zilumkele, ungathethi nto kuYakobi, nokuba yelungileyo nokuba yembi.
-
25
|Génesis 31:25|
ULabhan wafika kuYakobi. Ke kaloku uYakobi ubeyigxumekile intente yakhe entabeni; uLabhan nabazalwana bakhe bagxumeka entabeni yaseGiliyadi.
-
26
|Génesis 31:26|
Wathi uLabhan kuYakobi, Wenza ntoni na ukundilalanisa, uziqhube iintombi zam njengabathinjwe ngekrele?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10