-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
27
|Génesis 31:27|
Yini na ukuba uzimele, ubaleke, undilalanise, ungandixeleli? Ngendiba ndokundulule ngemivuyo, nangeengoma, nangengqongqo, nangohadi.
-
28
|Génesis 31:28|
Yini na ukuba ungandivumeli ndibange oonyana bam neentombi zam? Kaloku wenze ngobudenge.
-
29
|Génesis 31:29|
Kusemandleni esandla sam ukunenza ububi; ke uThixo kayihlo uthethe nam phezolo, esithi, Zilumkele, ungathethi nto noYakobi, nokuba yelungileyo nokuba yembi.
-
30
|Génesis 31:30|
Ngoku umkileyo nje, ngokuba walangazelela kakhulu indlu kayihlo, uzibeleni na zona izithixo zam?
-
31
|Génesis 31:31|
Waphendula uYakobi wathi kuLabhan, Bendisoyika, kuba bendisithi, Hleze uzixhakamfule kum iintombi zakho.
-
32
|Génesis 31:32|
Osukuba uzifumana kuye izithixo zakho, makangadli bomi. Phambi kwabazalwana bethu fanisa into yakho enam, uyithabathe. Wayengazi uYakobi ukuba uRakeli uzibile.
-
33
|Génesis 31:33|
Wangena uLabhan ententeni kaYakobi, nasententeni kaLeya, nasententeni yeempelesi zombini; akazifumana. Waphuma ententeni kaLeya, wangena ententeni kaRakeli.
-
34
|Génesis 31:34|
Ke kaloku uRakeli ebeyithabathile imilonde-khaya, wayifaka phakathi kwesali yenkamela, wahlala phezu kwayo. ULabhan wayiphuthaphutha yonke intente, akayifumana.
-
35
|Génesis 31:35|
Wathi kuyise, Mawungabi namsindo, nkosi yam, kuba ndingenako ukusuka phambi kwakho, ngokuba ndihleli phezu kwengca. Wagquthagqutha, akayifumana imilonde-khaya.
-
36
|Génesis 31:36|
Wavutha umsindo kaYakobi, wabambana noLabhan. Waphendula uYakobi, wathi kuLabhan, Luyintoni na ukreqo lwam, siyintoni na isono sam, ukuba undisukele ngokushushu nje?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10